22.8 C
King William's Town
Monday, October 27, 2025

UQhawekazi Mazaleni uthweswe isithsaba sikaMiss South Africa ngo-2025

UQhawekazi Mazaleni oneminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala oyingcaphephe kwintetho nolwimi, osuka eGonubie eMpuma Koloni ngokuhlala, uthweswe isithsaba sikaMiss South Africa 2025 kumdlalo obuqaqambileyo wonobuhle obubanjelwe eSunBet Arena ePitoli ngobusuku bangoMgqibelo.

UMazaleni, ongene ezihlangwini zikaMia le Roux, ubethe abanye abasibhozo abaphumeleleyo kumagqibela kankqoyi ukuze afumane esi sicoco. ULuyanda Zuma ubhengezwe njengenkosazana yokuqala, ukanti uKarabo Mareka wathatha inkosazana yesibini.

Ungumfundi othweswe isidanga kwi dyunivesithi yaseStellenbosch, uMazaleni ngoku wenza isidanga sakhe seMasters kwi dyunivesithi yasePitoli, egxile kwi-autism. Ukwazi ukuthetha isiXhosa, isiNgesi, nesiBhulu, ukwafunda iSipedi nesiZulu ebonisa uthando lwakhe ngolwimi nokubandakanyeka kwakhe.

Ngaphaya kwempumelelo yakhe ezifundweni, uMazaleni ubhale incwadi yabantwana ngesiXhosa ejolise ekuphuculeni ulwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala, kwaye ufuna ukuyiguqulela kuzo zonke iilwimi zaseMzantsi Afrika.

Ethetha emva kokuthweswa kwakhe isithsaba, uMazaleni uthe, “njengo Miss SA wakho, injongo esentliziyweni yam kukuqinisekisa imfundo engakhethiyo, andingo Miss SA kuphele, ndingu m’meli wotshintsho. Ndiza kuza nelifa lotshintsho”.

Ulawulo lwakhe kulindeleke ukuba lugxininise ekukhuthazeni imfundo ebandakanya bonke abafundi kunye nokufunda ngeelwimi ezininzi, ukulungelelanisa iqonga lakhe nezinto eziphambili zesizwe malunga nolwazi lokufunda nokubhala kunye nokuxhotyiswa kolutsha.

Ukuphumelela kukaMazaleni kuphawula ixesha elitsha lokhuphiswano lukaMiss South Africa, olubhiyozela ubuhle ngenjongo, ubukrelekrele, kunye nentliziyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
22.8 ° C
22.8 °
22.8 °
33 %
5kmh
37 %
Mon
21 °
Tue
24 °
Wed
23 °
Thu
24 °
Fri
39 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks