Home Ezoshishino Buyisela i(Soup) evenkileni ngokukhawuleza ifumane imali yakho epheleleyo.

    Buyisela i(Soup) evenkileni ngokukhawuleza ifumane imali yakho epheleleyo.

    UMkomishinala oBambeleyo weSizwe waBathengi uNksz Thezi Mabuza ubongoza abathengi abathenge iKnorr-Cup-a-Soup Lite Beef kunye neVegetable ukuba bayeke ukuyisebenzisa lemveliso kwaye bayibuyisele ngokukhawuleza ezivenkileni apho bebeyithenge khona ukuze babuyiselwe imali yabo epheleleyo.

    Obambeleyo uMkomishinala uMabuza uthi umthengisi wemveliso yakwaKnorr uxelele iKomishoni ngokurhoxiswa kwalemveliso ye-Knorr Cup-a-Soup Lite Beef and Vegetable ekucaca ukuba kubhidene izitya. Ngokwengxelo evela kweliSebe kuvalaka ukuba ukupakishwa kweegxowa yezimveliso kuko okungachanekanga kwiibhokisi zenyama yenkomo ye-Knorr Cup-a-Soup Lite kunye neVegetable. “Siyaqonda ukuba oku kuthetha ukuba abathengi banokungathandi ukutya iKnorr Cup-a-Soup Lite yenyama yenkomo kunye neVegetable eyahlukileyo equlathe ngempazamo ingqolowa kunye negluten,” utshilo uNksz Mabuza.

    Iimveliso ezichaphazelekayo zenziwe ngomhla we(23 Match 2022) ze iphelelwe ngomhla we(22 September 2023) Abathengi bayabongozwa ukuba bajonge ezinkcazo kwimveliso ukuqinisekisa ingaba imveliso iyinxalenye naleyo ichaziweyo.

    Kukwalumkiswe ngelithi abathengi abangadibaniyo nengqolowa(wheat) kunye ne-gluten bayacetyiswa ukuba bangayityi lemveliso nanjengoko inokubangela ukuba umtu avele iimpawu okanye zixhokonxe iimpawu zokwaliwa kukutya igluten kunye nengqolowa. IKomishoni ithi ikubeka esweni oku kurhoxiswa ngokusekwe kwiZikhokelo zayo zokuKhusela

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks