INkulumbuso, u-Oscar Mabuyane, yamkele abatyali-zimali abatsha abaquka, iThezi Langa, iBushveld Energy kunye ne-RAM Hand-To-Hand Couriers kuMmandla woQoqosho oKhethekileyo (i-SEZ), apho izibhengezo zenziwe ngoLwesine umhla wamashumi amabini nantlanu kuTshazimpuzi 2024.
Uthe oku kuphawula umzuzu obalulekileyo kuhambo lwephondo olusingise kwimpumelelo yezoqoqosho kunye nozinzo. UMabuyane ubalule ukuba ezi nkampani zintathu kulindeleke ukuba zidale ikhulu lemisebenzi ethe ngqo nengathanga ngqo kweli phondo.
“Olu tyalo-mali lufike ngexesha elinzima nanjengoko urhulumente esaqhuba ngeenzame zokulwa imingeni efana nokucinywa kukagesi, nto leyo ethe yaluchaphazela kakubi uqoqosho ingakumbi kushishino lwemveliso,” utshilo uMabuyane.
Ngokwengxelo yaseBhisho, iBushveld Energy Company, ibambisene neShishini loPhuhliso lwezoShishino, iza kutyala imali ezizigidi ezingamakhulu amane eerandi ukuze kusungulwe umthamo walapha ekhaya wokuvelisa i-‘Vanadium-based electrolytes’.
“Eli nyathelo lijolise ekukhuliseni ukhuphiswano lwephondo ekwenzeni izinto ezintsha kunye nokubonelela nge-‘Vanadium-based electrolyte’ kwimarike yehlabathi yeVanadium Redox Flow Battery (VRFB). Utyalo-mali lweThezi Langa (Pty) Ltd yiprojekthi yezigidi ezingamakhulu alithoba namashumi amabini eerandi ejolise ekuphuhliseni umzi-mveliso wesola we-‘Photovoltaic’ ongu-50MW e-ELIDZ eNtabozuko Precinct.
“Injongo kukwandisa amandla okuvelisa azimeleyo eMpuma Koloni nokubonelela ngamandla ahlaziyekayo kumacandelo ngamacandelo,” itshilo ingxelo karhulumente wephondo.
Ngaphezu koko, i-RAM Hand-to-Hand Couriers ityala imali efikelela kwi-R18 yezigidi zeerandi ukuseka umbindi we-ELIDZ, inegalelo kwicandelo lolungiselelo.
“Eli phulo kulindeleke ukuba lidale amathuba emisebenzi ethe ngqo kwi-ELIDZ Hub kwaye liza kwenza ukuba iRAM ikwazi ukujongana nokuthunyelwa kwempahla kumazwe ngamazwe, kube lula ukuqokelelwa nokuhanjiswa kweenkonzo eMonti nangaphaya kwayo. Oku kugaleleka kotyalo-mali kubonisa umhlaba ochumileyo woshishino eMpuma Koloni.
Uphuhliso lwakutsha nje olufana nekhulu lezigidi zeerandi zotyalo-mali lokuvelisa iSUV entsha ngabakwaVW Africa Group eKariega kuqinise iphondo njengendawo ephambili kutyalo-mali,” itshilo iNkulumbuso uMabuyane.
