I khampani yakwa Vodacom ibonise ukunyuka kwengeniso emva kokuba izinzise ingxabano eyathatha ixesha elide nowayesakuba ngumsebenzi owayefuna intlawulo ngenkonzo yokufowuna eyayiyicebise kwiminyaka engaphezu kwamashumi amabini(20)eyadlulayo.
UVodacom ulindele ukunyuka kwe-30% ukuya kwi-40% kwingeniso kwisabelo ngasinye kwiinyanga ezintandathu ukuya KweyoMsintsi ngokutsho kwengxelo. Olo qikelelo lungaphantsi kwe-40% ukuya kwi-45% ye-(jump it forecast) ngokwengxelo yokurhweba yange 31 KweyeDwarha, ngaphambi kokuba kuvunyelwene ngesi-sivumelwano.
“UVodacom uyakuvuyela ukuphelisa elityala leminyaka kwaye isivumelwano sizakuba malunga ne-R550 yezigidi kwingeniso yayo embindini, xa kuthelekiswa nezigwebo ezichasene nayo kwangaphambili kwinkqubo yomthetho eyayicebisa amashumi eebhiliyoni zeerandi”,
utshilo umhlalutyi ophezulu we-Bloomberg Intelligence uJohn Davies.
Inkampani yalile ukuphawula malunga nesixa-mali sokuhlawula. Izabelo zakwaVodacom zithengiswe malunga ne-1.3% ngaphezulu kwe-R137.54 kanye phambi kokuvalwa kwe-JSE ngoLwesine, okuyimali exabisa ngaphaya kwe-R290 yeebhiliyoni zeerandi kule khampani.
UVodacom,ngoLwesithathu uvumile ukuhlawula uKenneth Makate isixa-mali esingachazwanga ukuphelisa le ngxabano.
Ngaphambili yacebisa ukunika uMakate i-R47 yezigidi, ngelixa iNkundla ePhakamileyo yeziBheno yaseMzantsi Afrika yacebisa imbuyekezo esusela kwiibhiliyoni ezingama-29 ukuya kuma-R63 eebhiliyoni kwisigwebo esathi emva koko sabekelwa bucala yinkundla ephakamileyo.
UVodacom uza kukhupha iziphumo zexeshana ngomhla weshumi kule imiyo.
