Home Iindaba Ababini bamke neKhadi lebhanki logama abanye begade amaxhoba ukuqinisekisa imali iyaphuma

    Ababini bamke neKhadi lebhanki logama abanye begade amaxhoba ukuqinisekisa imali iyaphuma

    Amapolisa aseMpuma Koloni athe qwa ekwakhangela abarhanelwa kulandela ukuphangwa kwexhego nexhegokazi kwikhaya labo eliseBaysville eMonti ngentseni yayizolo.

    Kuvakala ukuba esi sibini sasilele ngethuba inkosikazi isiva inja ikhonkotha ngaphakathi endlwini, ze yaya kuphanda kodwa ayizange ibone nto. Iye yaphinda yakhonkotha inja, yaphinda yayokujonga kwakho inkosikazi kanti kulapho izakudibana khona namadoda amane(4) sele engaphakathi endlini onke exhobile.

    Lamadoda ayalele elixhegokazi ukuba liye kwigumbi lokulala apho bathe babopha khona umyeni ngelixa beyalela inkosikazi ukuba ivule isefu.

    Bathathe imipu emithathu (3), imipu kunye nezacholo. Bafune ikhadi lebhanki kunye nephini uyalo ze bashiya abarhanelwa ababini ngasemva ngelixa abanye babini beyokukhupha imali kwi-ATM. Ekubuyeni kwabo bathathe nesithuthi sesisibini besimka mason

    Ngethamsanqa imoto iye yafunyanwa kamva ishiywe kufutshane nesibhedlele saseFrere. Akukho zimbumbulu zidutyulweyo kwaye akukho mntu wonzakeleyo ngethuba lesisiganeko

    Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise ngolwazi atsalele umcuphi uSajini Nompendulo Qwede ku-0714752150 okanye 0860010111, zonke iinkcukacha ziyakugcinwa ziyimfihlo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks