Home Ezemfundo Abafundi bebanga leshumi baleqiswe esibhedlele emva kokurhanelwa ukuba batye ukutya okunetyhefu

    Abafundi bebanga leshumi baleqiswe esibhedlele emva kokurhanelwa ukuba batye ukutya okunetyhefu

    Abafundi abangamashumi amathathu anesithoba (39) abavela kwiZiko loHlaziyo lweMatriki lase-Ekuphumla eMpuma Koloni baleqiswe esibhedlele ngobusuku bangeCawe umhla wesithathu (3) kuCanzibe emva kwesiganeko esirhanelwayo sokutyhefwa kukutya.

    Kuthiwa abafundi Baye bagula emva nje kokuba betye isidlo sangokuhlwa malunga nentsimbi yesithandathu (18:00) emva kwemini ngeCawa. Iimpawu ziquka ukuhlanza kunye nokuqaqamba kwesisu.

    Isithethi seSebe leMfundo uMalibongwe Mtima uthi eli qela liyinxalenye yabafundi abalikhulu elinamashumi asithoba anesine (194) beBanga leshumi elinambini ( Grade 12) abaya kwinkqubo ejolise ekuphuculeni iziphumo zabo ngaphambi kweemviwo zaphakathi nonyaka.

    Basiwe kwiSibhedlele saseHewu, apho uninzi lwabo lwanyangwa kwaye bakhululwa kwiiyure ezimbalwa.

    Uthi abafundi ababini bangeniswe ukuze bajongwe, kodwa ukususela ngoko nabo bakhululwe.

    UMtima uthi iisampulu zokutya, kuquka ipapa kunye nobisi oluhlala ixesha elide, zithunyelwe ukuze zivavanywe.

    Le nkqubo ibisebenza kumaziko aliqela kwiSithili seMfundo saseChris Hani East ukusukela ngomhla wamashumi amathathu (30) kuTshazimpunzi.

    Wongeza ngelithi omabini ezeMpilo kunye neMfundo ajonga imeko ngelixa uphando luqhubeka.

    @AlgoaFM News

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks