Kubhubhe abasebenzi ababini benkampani ezimeleyo kwingozi eyothusayo eWindvogel eGelvandale, eGqeberha ngoLwesithathu.
Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse van Rensburg uthi amapolisa aphendule kwisikhalo esikwi-3rd Avenue eWindvogel malunga nentsimbi yokuqala emva kwemini.
Uthi ekufikeni kwabo baxelelwa ukuba la madoda mabini, aneminyaka engama-33 nama-38 ubudala, ayexakekile esebenza emseleni xa kudilika iindonga.
Bobabini abasebenzi bangcwatywa kwaye bevaleleke, nangona oogqirha basabela ngokukhawuleza ubomi babo bobungenakusindiswa.
UKapteni uJanse van Rensburg uthi ngethuba kusenziwa iinzame zokukhupha imizimba yabo ziphinde zadilika iindonga zomsele okwesibini.
Isebe lezomlilo liye lancedisa kwindawo yexhwayelo.
Amagama amaxhoba aza kukhutshwa kuphela xa izalamane zabo zazisiwe.
Kwavulwa idokethi yophando
