Home Ezoshishino Abaqhubi bezithuthi bangalindela ukuhla kwamafuna kulo January

    Abaqhubi bezithuthi bangalindela ukuhla kwamafuna kulo January

    Abaqhubi bezithuthi banokulindela ukukhululeka ngakumbi kwamafutha ngoLwesithathu emva kokuba iSebe lezaMandla libhengeze ukuhla kwamaxabiso amafutha kaJanuwari.

    Bathi omabini amnqanaba epetrol aya kunciphe nge-62c kunye ne-76C yelitha nganye, ngelixa idizili iya kuncipha nge-R1,24 iisenti ilitha nganye.

    Nangona kunjalo, irhasi izonyuka nge-11c ngekhilogramu nganye.

    Isithethi seSebe URobert Mahico uthi ukunyuka kwexabiso lerhasi kungenxa yamaxabiso orhwebo aphezulu kunye namaxabiso aphezulu e-butane.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks