Abavoti banxuswa ukuba bafumane izazisi ngaphambi kokuvota kukaNovemba

Isebe leMicimbi yezeKhaya likhuthaza abantu baseMzantsi Afrika abasafuna amaxwebhu obunikazi (ID) ukuba bafake izicelo ngoku ngaphambi konyulo loorhulumente basekhaya ngomhla wesine (4) kweyeNkanga.

Isebe likwabongoza abemi abasele befake izicelo zezazisi zabo kodwa abangekazithathi ukuba benze njalo ngokukhawuleza.

Likwathe abo bafuna ukutshintsha izazisi zabo ezilahlekileyo okanye ezonakeleyo bakhuthazwa ukuba basebenzise iiofisi zemicimbi yezeKhaya okanye naliphi na isebe lebhanki elithatha inxaxheba elingaphezulu kwamakhulu amane anamashumi amahlanu (450) elinikezela ngenkonzo.

Isebe likhuthaza abemi ukuba bangalindi kude kube ngumzuzu wokugqibela ukuze bafumane amaxwebhu abo ngaphambi konyulo.

ISebe leMicimbi yezeKhaya likwabongoza abemi abasele benazo izazisi zabo ukuba bakhuthaze amalungu osapho lwabo, abahlobo kunye nabo basebenza nabo abangenazo i-Smart ID ukuba bafake izicelo kwaye baqokelele amaxwebhu abo ngaphambi konyulo.

Umphathiswa wezeKhaya uLeon Schreiber uthe ukuba nesazisi esisemthethweni kubalulekile ekuthatheni inxaxheba kwentando yesininzi. “Isazisi esisemthethweni sigcina isitshixo sokuthatha inxaxheba kwentando yesininzi kunyulo oluzayo,” uncedisa.

USchreiber uthe isebe likwandisile ukufikelela kwiinkonzo zeSmart ID ngokusasaza iinkonzo zedijithali kumasebe ebhanki angaphezu kwamakhulu amane anamashumi amashlanu (450) kwisithuba seenyanga ezintlanu. “Ndimema abantu baseMzantsi Afrika ukuba basebenzise iinkonzo zethu eziphuculweyo kakhulu ukufaka izicelo kunye nokuqokelela ii-ID zabo ngaphandle kokulibazisa,” utshilo.

Ukuze ufumane ulwazi oluthe kratya, abemi banokundwendwela i-myhomeaffairsonline.dha.gov.za ukuze bafumane isebe lebhanki elikufutshane nabo elithatha inxaxheba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
31.6 ° C
31.6 °
31.6 °
23 %
2.5kmh
16 %
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
18 °
Sat
24 °
Sun
27 °

EZITHANDWAYO INDABA