By Asipile Kitchen.
Abemi bangaphandle abathathu abatyholwa ngokuqweqwedisa intombazana eneminyaka elithoba (9) ubuncinane eMonti babuyiselwe elugcinweni de baphinde bayovela enkundleni.
Esi sithathu besivele phambi komantyi enkundleni yamatyala yaseMonti ngoLwesine, umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyoMdumba 2025.
ISithethi seHawks igosa eligunyanzisiweyo uNdiphiwe Mhlakuvana uthe abarhanelwa abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini (20) neminyaka engamashumi asithandathu anesixhenxe (67), bajongene netyala lokuqweqwedisa.
“Eli tyala labo limiselwe umhla wesine (4) nowesihlanu (5) kweyoKwindla 2025 ukuze bazobanetoliki. Abarhanelwa bobathathu basagcinwe eluvalelweni.”
Umhlakuvana akabuchazanga ubuzwe babarhanelwa kodwa uthe esisithathu sizofaka isicelo sebheyile.
“Urhulumente uzosikhaba isicelo sabo sebheyile.”
Iqela eliquka iHawks, amapolisa aseMonti nezithethi zokubanjwa (Hostage Negotiators) ngelasemzini bamhangule uEmaan Fatima baze babamba abarhanelwa ngexesha kusetyenzwa ngobukrelekrele ekuqaleni kwalenyanga.
UFatima waxhilwa kufitshane nesikolo sakhe iDreamland Primary, eBuffalo Flats. Imoto engwevu luhlaza eyiToyota Corolla engenanombolo yepleyiti yasondela kulentombazanana phambi kokuba imxhwile.
“Kuyatyholwa ukuba amadoda amabini ambamba, amthatha ngenkani eshiya ngasemva umntakwabo phambi kwabanye abantwana besikolo,” sitshilo isithethi seHawks uLieutenant Colonel Avela Fumba ngoko.
Kuye kwakho uvuyo ngaphandle esikolweni emva kohlangulo.
Ibambela nqununu lesikolo uNobathandwa Dingaan uthe bebenemincili ukuba uFatima ufunyenwe engonzakalanga.
“Sonwabile kakhulu. Ukuba ubukhona kwezintsuku ziphelileyo, ubuzobona ukuba akusafani nangokuya. Abantwana bebemkhalela uEmaan yonke imihla, besibuza ubuya nini uEmaan, into ebesingenampendulo yayo.”
UDingaan uthe abantwana balufumene ululeko ngokwengqondo oluphuma kwisebe lezemfundo laseMpuma Kapa nezinye.
UMajor General Obed Ngwenya, intloko yeHawks zePhondo, uliqhwabele izandla eliqela libambe ababarhanelwa lahlangula noFatima.
