Inkonzo yegazi yelizwe loMzantsi Afrika (SANBS) ihlabe ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba banikele ngegazi, nanjengoko amanqanaba esitokhwe esezantsi kakhulu.
Bathi amanqanaba esitokhwe segazi okwangoku emi kwi-inshorensi yeentsuku ze-2.2 kwaye ayancipha.
Umanejala oPhezulu wezoNxibelelwano kwaSANBS uThandi Mosupye uthi, “Sibongoza abo banikela ngegazi kunye nabemi boMzantsi Afrika abangekanikezeli ngegazi phakathi kweminyaka eyi-16 kunye ne-75 ubudala abanobunzima obungaphezulu kwe-50kg kwaye basempilweni entle ukuba baye kumaziko abo akufutshane.”
“Umlinganiselo wegazi ophantsi kakhulu ubeka ubomi babaguli abaninzi esichengeni, kuquka abo babandakanyeka kwiingozi, amabhinqa aphulukana negazi emva kokuba ebelekile, abaguli ekufuneka betyandwe, nabanengxaki yegazi. Nika isipho sobomi kwaye unikele ngeyunithi yegazi namhlanje, ”wongeza uMosupye.
