Home Iindaba Abhokile amanyundululu kwikhasi lonxibelelwano lika Facebook likamasipala wase Alfred Nzo

    Abhokile amanyundululu kwikhasi lonxibelelwano lika Facebook likamasipala wase Alfred Nzo

    Ikhasi lonxibelelwano kwiinkundla zokuxhumana kufacebook loMaspala wasithili saseAlfred Nzo eMpuma Koloni lishiye isankxwe kumakasi onxibelelwano kwezintsuku kuzimbini ezidlulileyo.

    Oku kulandela emveni kokuba elikhasi liqalise ngomhla wamashumi amabini anesithathu kuTshazimpuzi ukusasaza ii videos ezinamanyundululu. Ukanti abaxhasi belikhasi bathontelene ukuphefumla bambi behlekisa, bambi besithi balindele iinkonzo ezingundoqo hayi ukubukeliswa amanyala logama abanye bekhalimela kabukhali umphaphashi welikasi ukuba izenzo zakhe zitenxile.

    Ukanti umasipala wesithili saseAlfred Nzo ukhuphe ingxelo ediza ukuba ikhasi labo lithathelwe amagunya ngokungekho mthethweni, nto leyo edala ukuba abo bapapasha lemiboniso imanyuku-nyezi kwelikhasi bangakwazi ukubanqanda ngoko-nangoko kwaye akwaziwa ukuba ngoobanina. LoMaspala uthi amagosa abo ajongene ngobuxhaka-xhaka balemihla amanxada-nxada ukuzama ukubhula lomlilo owonyelisa elikhasi

    Kusenjalo umasipala wasekuhlaleni Winnie Madikizela Mandela, nawo uxhome isilumnkiso kuluntu ukulumkisa ngalondonakele, ubongoza uluntu ukuba luyibethise ngoyaba umxholo opapashwa kwikhasi lonxibelelwano lase Alfred Nzo nanjengoko ungahambelani nimigaqo nemiqathango kwakunye nomxholo welikhasi

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks