IQela lamaJoni onzakeleyo eSANDF afikile apha eMzanti Africa ngalentseni yanamhlanje amanye kujongwe ukuba abuye phakathi evekini.
Amajoni eSANDF (South African National Defence Force) agalelekile eMzantsi esuka Republic of Congo (DRC).
Ukufika kwawo emva kweveki ezimbini kuza emva kokuba imizimba elishumi elinesine yamajoni ibuyiselwe kwilizwe lasemzini. I-SANDF ivumile ukuba amanye amajoni adinga ukhathalelo lwezonyango kwaye sethuthiwe asiwa kwiziko lempilo, ePitoli.
Inani elipheleleyo lamajoni abuyiselwe ekhayeni, nenani lawonzakeleyo ayikaqinisekiswa yi-SANDF.
“I-SANDF iqinisekisekisile ukuba iqela ebelidinga ukunyangwa libuyiselwe eMzantsi Afrika”, litshilo iqumrhu ngoLwesibini.
Amajoni asashiyeke eDRC kulindeleke ukuba afike apha evekini.
“I-SANDF, ibambisene namanye amaqela basebenza ngokuzimisela ukuzama ukubuyisa amajoni ashiyeke eDRC,” yolekelise yatsho iSANDF.
Umlawuli we Politiki noKhuselo ophantsi kwe -outhern African Development Community (SADC), uNjingalwazi Kula Theletsane, naye akhange akwazi ukuchaza inani lamajoni asuswe kwindawo yongquzulwano kodwa ukuchazile okokuba inqwelomoya ebilungiselelwe ukubuya kwamajoni ibinabakhweli abalikhulu elinamashumi asithoba (190).
UTheletsane ungqinile kwiNewzroom Afrika ukuba kwinqwelo moya zonke ebezikhutshwe ngu-SADC ayikho ebuye nabakhweli abapheleleyo kwanyanzeleka uba basebenzise inqwelomoya zabucala.
I-SANDF akhange icacise ngamajoni abhinqileyo abuyele eMzantsi ekhulelwe.
“Siyabongoza kuluntu jikelele uba bahloniphe amajoni onzakeleyo nentsapho zawo ngeli xesha lokupholisa. Ezinye inkcukacha zizokhutshwa xa kudingeka”, inabise yatsho iSANDF.
Izifundiswa kwiveki ephelileyo ziyibize iSANDF ngombutho wonontlalontle, zicebisa ukuba ayikulungelanga ukudlala le ndima yezomkhosi.
