Akasekho emhlabeni uMbongeni Ngema, noligqala lomculo kuquka neqonga lemidlalo kamabona-kude eMzantsi Afrika.
Ngokwengxelo yejelo losasazo iSABC, lokaNgema ulishiye elamagade ahlabayo namhlanje, ntoleyo eyothuse uninzi loluntu loMzantsi Afrika. Kaloku akuntsuku zatywala elilizwe lishiywe yintyantyambo yomculo wesintu uZahara, nobebekwa kwikhaya lakhe lokugqibela kulempela-veki susika kuyo eMonti.
LokaNgema wazenzela igama kumboniso bhanya-bhanya weSARAFINA kunye nalowo wayesakuba nguNkosikazi wakhe uLelethi Khumalo. Ukanti akaphelelanga apho nanjengoko ebengumtu owazibandakanya kakhulu kuphuhliso lwetalente yenidlalo yeqonga de wayokuvela nakumazwe aphesheya kolwandle.
Okwangoku amalungiselelo omngcwabo awakachazwa nanjengoko esisiganeko sisesitsha. Makalale ngoxolo.
