
By Asipile Kitchen.
Amadoda asithandathu (6) abekwe ityala lokubulala abantu abalishumi elinesibhozo (18) eLusikisiki avele okokuqala enkundleni ephakamileyo yaseMzantsi Afrika, kwicandelo leMpuma Kapa, eMthatha ngoMvulo.
Ityala labo ladluliselwa kwinkundla yengingqi yaseLusikisiki kwaye limiselwe umhla weshumi elinesithandathu kuCanzibe 2025 ukuze ukhuselo lubonise ukuba likulungele ukuqhubeka netyala.
UMzukisi Ndamase (46), Siphosoxolo Myekethe (45), Aphiwe ‘’AP” Ndende (25), Bonga Hintsa (31), Mawethu Nomdlembu (36) noSongezo Vuma (20), abathe bayilahla ibheyile, bajongene nezityholo zokuqulunqa iyelenqe lokubulala, amatyala alishumi elinesibhozo okubulala, ukuqweqwedisa, ukuphanga okunemeko ezimanyukunyezi, ukuba nemipu ngokungekho semthethweni, ukuba nezixhobo kunye neembumbulu ngokungekho-mthethweni.
Babekwa ityala lokudubula elenzeka ngomhla we-28 kweyoMsintsi 2024 kwimizi emibini engabamelwane eNgobozana Village kufitshane nedolophu yaseLusikisiki, apho kwabulawa khona abantu abalishumi elinesibhozo. Bakwayanyaniswa nokubulawa kukasopolitiki uMncedi Gijana kwaBhaca ngomhla we-19 KweyeThupha 2024.
Urhulumente ukulungele ukuqhubeka netyala.