Home Ezemidlalo Amagosa omthetho atyityimbisela umnwe abathandi bombhozo kweli

    Amagosa omthetho atyityimbisela umnwe abathandi bombhozo kweli

    INkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika ibongoza abalandeli bombhoxo kwilizwe liphela ukuba bangaseli utywala baze baqhube phambi nasemva komdlalo wamagqibela kankqoyi weNdebe yeHlabathi yoMbhoxo.

    Oku kuvele xa abalandeli bombhoxo belungiselela umdlalo wamagqibela kankqoyi ophakathi kweSpringboks neeAll Blacks eParis.

    Amapolisa alumkisa ngelithi amagosa azakubek’ esweni iindawo zokuzonwabisa-ezinje ngeepaki zabalandeli kunye neendibano zikawonke-wonke-phambi, ngexesha nasemva komdlalo njengenxalenye yemisebenzi yawo impelaveki.

    Isithethi samaPolisa kuzwelonke uBrigadiya uAthlenda Mathe uthi lo msebenzi ujolise ekuqinisekiseni ukuba kukho ukhuseleko ngamaxesha onke.

    I-SAPS ithe kwingxelo yangoMgqibelo uNjengele Fannie Masemola wanelisekile zizicwangciso zokubeka esweni iminyhadala yanamhlanje, njengenxalenye yephulo i-Operation Shanela, eliquka ukuvalwa kweendlela rhoqo, ukumisa nokugqogqa kwakunye nokukhangelwa kwabarhanelwa abafunwayo.

    “Kungalo ngqalelo apho iSAPS ithatha eli thuba imemelela intsebenziswano kuluntu, abazakuba kwezi ndawo zokubukela uluntu ukuze baziphathe kakuhle.

    “I-SAPS ikwalumkisa abemi ukuba bayilumkele indawo ebangqongileyo ngelixa bebhiyoza kwaye okona kubaluleke kakhulu bangaseli utywala abangaqhubi nanjengoko inyathelo elinjalo liza kusingathwa ngokufanelekileyo,” atsho amapolisa.

    Kusenjalo, uMongameli Cyril Ramaphosa utheleke eParis ngoLwesihlanu ebusuku, phambi komdlalo.

    Phambi kokuba akhwele inqwelo-moya yakhe, uRamaphosa uthe uthatha amathemba esizwe siphela.

    I-Springbok Fly-Half-uDamian Willemse uthe impumelelo ngokuhlwanje izakubankulu kakhulu kweli lizwe.

    INew Zealand ngoosobhuku baseBhritane bathandwa kakhulu ukuba babe liqela lokuqala ukuphumelela iNdebe yeHlabathi yoMbhoxo izihlandlo ezine.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks