Umbutho woMkhonto weSizwe (MK) utyhola ukuba kubekho utenxo ekuqinisekiseni ukuba iibhokisi kunye namaphepha okuvota zinikezelwa kwithala leencwadi eHammarsdale kwintshona yaseThekwini.
Lo mbutho uthi phakathi kwezinto ebezithengiwe ziibhokisi zokuvota, i-inki yokuvota kunye nomatshini wokuskena.
Isithethi seMKP uVincent Mdunge, uthi, baqaphele ilori ekrokrisayo ebithwele umthwalo othile kodwa bebengeka qiniseki ncam ngemeko yayo. Uthi bathe bakuqonda ukuba ezi ziibhokisi zokuvota kunye noomatshini bokuskena bothulwayo, baye baxela kwi-ofisi yephondo yoMkhonto weSizwe.
UMdunge wongeze ngelithi amalungu aliqela ombutho woMkhonto weSizwe aye athunyelwa kwindawo yexhwayelo ekutyholwa ukuba kwenzeka khona oku kwaye banyanzelisa ukuba ulwaphulo-mthetho alwenziwa kwaye amapolisa abizwa ukuba enze umsebenzi wawo.
Amapolisa athi avile ngesisehlo ngexa iKomishini yoNyulo ithi iza kukhupha .
By Anita Qubula.
