Iinkcukacha manani zamva nje ezikhutshwe yiStatistics South Africa (Stats SA) ibonisa ukuba izinga elisemthethweni lokungasebenzi linyuke nge-1.3% ukusuka kwi-31.4% kwikota yesine yonyaka ophelileyo ukuya kuma-32.7% amanqaku kwikota yokuqala ka-2026.
Uphando lokuqala lwabasebenzi lwekota yonyaka lubonisa ukuba inani labantu abasebenzayo lehle ngama-347 000 ukuya kwi-16.8 yezigidi, ngelixa inani labantu abangasebenziyo lenyuke ngama-301 000 ukuya kwi-8.1 yezigidi.
Ukwehla kwemisebenzi kubhalwe phantsi kwicandelo lezothutho, iinkonzo zentlalo kunye nolwakhiwo.
Ngeli xesha linye, abantu abafuna imisebenzi abaphoxekileyo banyuke ngama-178 000 ukuya kwi-3.9 yezigidi, ngelixa abanye abafuna imisebenzi abakhoyo banyuke ngama-55 000 ukuya kwi-910 000, kwaye abantu abafuna imisebenzi abangekhoyo banyuke ngama-6 000 ukuya kwi-49 000.
#SAUnemployment || Izinga elisemthethweni lokungasebenzi linyuke ngama-1,3 ekhulwini ukuya kuma-32,7% kwi-Q1:2026 xa kuthelekiswa ne-Q4:2025.
