Abacuphi benkonzo yesiPolisa eBethelsdorp bafuna uncedo kuluntu ekufumaneni ixhegwazana elineminyaka engamashumi amahlanu anesixhenxe ubudala elalahleka ngoLwesihlanu ngomhla wesithoba kweyeSilimela.
Kutyholwa ukuba ngalo mhla ukhankanyiweyo, malunga nentsimbi yeshumi kusasa uDesiree Baartman wemka endlwini yakhe eNagel Street, Extention 29, Bethelsdorp. Zange abuye ekhaya. Imibuzo yenziwe nosapho kunye nezihlobo apho ebesoloko etyelela khona, kodwa abakwazanga ukumlandela kwaye ngoLwesithathu ngomhla weshumi elinesine kweyeSilimela wachazwa njengolahlekileyo emapoliseni Bethelsdorp.
Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise ekukhangeleni uDesiree Baartman ukuba atsalele umnxeba kwi-ofisi yolwaphulo-mthetho samaPolisa Bethelsdorp ku-071 475 1953 okanye iCrime Stop 08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufuphi kubo. Lonke ulwazi luyimfihlo ngokungqongqo kwaye abafowunayo banelungelo lokungachazwa ngamagama.
