Impendulo ekhawulezileyo nechulumancileyo kwisikhalazo esifunyenwe lilungu eliphantsi kweMakhanda SAPS ibe nesiphumo sokufunyanwa kwayo yonke impahla ebiweyo kwaye kubanjwe abarhanelwa ababini abangamadoda kamsinya nje emva kokufumana isikhalazo sokuphanga kweNdlu okwenzeke ngoMgqibelo umhla wokuqala (01) kweyoMdumba 2025, malunga nemizuzu emithathu emveni kwenstimbi yeshumi elinesibini (12:30) eSalem, phantsi komasipala waseMakana.
Ukukhangela ngamandla okwasungulwa ngabacuphi baseMakhanda kubangele ukuba kubanjwe amadoda aneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala ngeCawe, umhla wesibini kulenyanga malunga nentsimbi ye-11:00.
Kurhaneleka ukuba ixhegwazana elineminyaka engamashumi asixhenxe anesine (74) kunye nomhlobo walo oneminyaka engamashumi asixhenxe anesithandathi (76) ubudala bebengaphakathi kwindlu yakhe ekwifama yakhe ngethuba bebizwa ngomnye wabasebenzi basefama, bemxelela ukuba kukho inyoka ehokweni yeenkukhu.
Inkosikazi eneminyaka engama-74 ubudala yahamba nendoda esebenza efama eneminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala ukuya kwihoko yeenkukhu apho umsebenzi wambamba ngequbuliso, wamtyhalela phantsi wambophelela izandla ngentambo.
Kukwatyholwa ukuba abanye abarhanelwa ababini bavela, kwaye abarhanelwa abathathu bathatha ummangali oneminyaka engama-74 ubudala bambuyisela endlwini apho umhlobo wakhe oneminyaka engama-76 ubudala wayelinde khona. Abarhanelwa bathathu nabo bambamba bambopha izandla ngentambo phambi kokuba baqalise ukufuna imali kumaxhoba amabini.
Kwangaxeshanye, intombi eneminyaka engamashumi amahlanu anesixhenxe (57) yommangali oneminyaka engamashumi asixhenxe anesine (74) ithe yagaleleka kulo mzi, iphuma edolophini, nayo yoyiswa ngamandla ngabarhanelwa abathe bayibopha ngentambo.
Abarhanelwa bathathe iilaptop ezintathu, iselula enye, umatshini wokuthunga omnye, unomathotholo omnye, iimpahla kunye nesixa semali esingachazwanga phambi kokuba babaleke kwindawo yexhwayelo.
Amalungu aphantsi kweMakhanda SAPS aphendule ngoko nangoko kwesi sikhalazo nanjengoko esendleleni eya kwindawo yexhwayelo, waqaphela abarhanelwa abathathu (3) bephethe iibhegi ngelixa bebaleka bephuma ematyholweni besiya kwisithuthi ebesimise ecaleni kwendlela. Bathi bakubona ipolisa, abarhanelwa abathathu babaleka babuyela ematyholweni.
Ipolisa laleqa laze labamba abarhanelwa ababini abangamadoda abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesibini (22) ukuya kumashumi amabini anesine laza lafumana yonke impahla ebibiwe. Kuqaliswe ugqogqo lomrhanelwa wesithathu kwaye ngeCawe umhla wesibini kulenyanga malunga nentsimbi yeshumi elinanye (11:00) abecuphi baseMakhanda babamba indoda eneminyaka engamashumi amathathu (35) ubudala ekunye nabarhanelwa abaneminyaka engamashumi amabini anesibini (22) namashumi amabini anesine (24) ubudala.
Aba bathathu bazakuvela phambi kwenkundla kamantyi yaseMakhanda ngoMvulo umhla wesithathu (03) kweyoMdumba 2025, bejongene nezityholo zokuphanga. La maxhoba mathathu (3) akhange onzakale kakhulu kwaye asiwe kwisibhedlele esikufutshane ukuze afumane unyango.
UMkomishinala weSithili saseSarah Baartman uMajor General Zolani Xawuka uwaqhwabele izandla amalungu achaphazelekayo ngempendulo ekhawulezileyo nekhawulezayo yokuqinisekisa ukhuseleko loluntu lwethu.
Olu hlobo lokusabela yinto uluntu olunethemba lokuyifumana, kwaye siqinisekisa uluntu ukuba siya kulugcina kwaye siluncede uluntu lwethu ukuze lube nendawo ekhuselekileyo, uvale ngelo uMajor General Zolani Xawuka.

