Home Iindaba Amapolisa AseMpuma Koloni ajongene netyala elongezelelweyo lokubulala

Amapolisa AseMpuma Koloni ajongene netyala elongezelelweyo lokubulala

Amapolisa amahlanu eMpuma Koloni abanjwe ngezityholo zokubulala, ukuxhwila, kunye nokubetha ajongene nengxaki enkulu emva kokuba elinye lamaxhoba awo ethe labhubha.

IGunyabantu lezoTshutshiso lithe kongezwa ityala lokubulala ngoLwesibini kwinkundla kamantyi yaseCradock apho bafaka isicelo sebheyile.

Aba nguMelikhaya Madubedube (41), Ibanathi Jack (33), Ndumiso Mpondo (29), Khulile Damane (46) noVuyani Mahlasela (31), babanjwa ngomhla weshumi elinanye noweshumi elinesibini kweyoMqungu.

Oku kusemva kokuba kufunyenwe umzimba wendoda eneminyaka engamashumi amabini anesithoba (29) kwizakhiwo zesikhululo samapolisa eCradock ngomhla wesibhozo kweyoMqungu.

Umbuso utyhola ngelithi la mapolisa ebejikeleza kule dolophu adibana nelinye lamaxhoba ekutyholwa ukuba libotshwe izandla, labethwa, laza labuzwa malunga neselula ebibiwe kwelinye lalamapolisa.

Le ndoda ikwagityiselwe ipepile (Pepper Spray) yafuthaniselwa phambi kokuba amapolisa akhangele amanye amaxhoba amabini.

Amapolisa athi kwingxelo engaphambili umzimba womfi wokuqala ufunyenwe ngumphathi-sikhululo obize inqwelo yezigulana.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso uLuxolo Tyali, uthe ixhoba labo lesibini libhubhe kwimpelaveki, kungoko longezelelekileyo ityala lokubulala.

Ukwathe nombuso uyasikhaba isicelo sebheyile esiqhubayo.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks