By Anita Qubula.
INkulumbuso yeMpuma Kapa, uOscar Mabuyane, uwaqhwabele izandla amapolisa ngezityholo zokudiliza iqela lokuxhwila elisebenza kwindawo yaseTshoxa, eKeiskammahoek. Amapolisa aye asabela xa elunyw’ indlebe ngendlu ekutyholwa ukuba ibisetyenziselwa ukuxhwila kwindawo eyaziwa njengeMarikana.
Abarhanelwa baqale ukudubula ngethuba kufika amapolisa, kwaye la mapolisa aphinde adubula ngoko nangoko ze abulala abarhanelwa abane (4).
Isithethi sikaRhulumente weMpuma Kapa, uKhuselwa Rantjie uthi, inkulumbuso izigxeke kabukhali izenzo zokuxhwilwa nokungcungcuthekiswa ebeziqhubeka kwindlu yaseKeiskammahoek kwaye yancoma ii-arhente zogcino-mthetho ngesenzo sazo esikhawulezileyo kwakunye nobugorha bazo ekuziphindiseleni kwabo kubarhanelwa.
Ngethamsanqa, akukho polisa lonzakeleyo ngethuba lalomsebenzi.
