Home Iindaba Amapolisa aseNemato acela uncedo ekukhangeleni owasetyhini olahlekileyo.

Amapolisa aseNemato acela uncedo ekukhangeleni owasetyhini olahlekileyo.

Amapolisa aseNemato acela uncedo kuluntu ekufumaneni uNoluthando Jepe oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ubudala, owalahleka ukusukela ngomhla weshumi elinethoba (19) kweyeKhala ngo2025, ngoMgqibelo.

Umfanekiso: Noluthando Jepe, 25, olahlekileyo

By Asipile Kitchen.

Amapolisa aseNemato acela uncedo kuluntu ekufumaneni uNoluthando Jepe oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ubudala, owalahleka ukusukela ngomhla weshumi elinethoba (19) kweyeKhala ngo2025, ngoMgqibelo.

Kutyholwa ukuba uJepe wagqityelwa ukubonwa ekhwela kwisithuthi esimhlophe ngomhla wokuduka kwakhe. Kukholeleka ukuba wayesendleleni eya kwithaveni yaseNemato kodwa akazange afike kwindawo awayesiya kuyo.

Kuye kwenziwa imibuzo ebanzi nosapho lwakhe, izihlobo, nakwithaveni ebesingise kuyo, kodwa zonke iinzame zokumfumana azikhange ziphumelele. Wachazwa ngokusemthethweni ukuba ulahlekile ngomhla wamashumi amabini ananye (21) kweyeKhala 2025.

Ngexesha lokuduka kwakhe, wayenxibe ihoodie emnyama kunye nebhulukhwe emnyama.

Onokuba nolwazi malunga nokuba uphi uNoluthando Jepe uyabongozwa ukuba aqhagamshelane noDetective Constable K. Nkihlana ku-067 062 2522, atsalele iCrime Stop ku-08600 10111, okanye atyelele isikhululo samapolisa esikufuphi kubo.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks