UKhomishinala wesithili sase Alfred Nzo uMaj General Nompumelelo Majikijela uvakalise umothuko emva kokuba umzimba wenkosikazi efunyenwe ibulewe ngokungenalusini kwingingqi yaseMasakala ngolwesihlanu umhla weshumi elinesithandathu kweyeSilimela ngo2023.
Kutyholwa ngelithi ngalo mhla ukhankanyiweyo malunga nentsimbi yeshumi elinesibini emini emaqanda amalungu esipolisa e Maluti aphendule kwisikhalazo somzimba wowasetyhini ofunyenwe ulele ngaphandle kwekhaya elingasasetyenziswayo eMasakala A/A.
Kwafunyaniswa ukuba amanye amalungu omzimba kamfi ayengekho (indlebe yakhe yasekhohlo isuswe ngokuyinxenye, kukhutshwe iliso lasekunene kwaza kwanqunyulwa ingono esebeleni lasekunene). Lo mama uchazwe njengoNomajama Khetsiwe ominyaka ingamashumi amane ananye (41). Ezinye zezinto zakhe zafunyanwa kumgama oziimitha ezimbalwa ukusuka emzimbeni wakhe.
Ngokwengxelo yosapho lwakhe, le nkosikazi yagqityelwa ukubonwa ngoMvulo weshumi elinesibini kweyeSilimela ngo2023 ekhayeni layo eMasakala.
Amapolisa arhanela ukuba umzimba wakhe walahlwa apho ufunyenwe khona. Ityala lokubulala liyaphandwa.
Amapolisa acela ukuba nabani na onokuthi ancedise kuphando atsalele amapolisa aseMaluti, D/Capt Sibongile Magobolo ku-071 475 2249 okanye iCrime Stop ku-08600 10111 okanye atsalele isikhululo samapolisa esikufutshane. Zonke iinkcukacha ziyimfihlo, kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.
UMaj Gen Majikijela umemelele abahlali baseMasakala ukuba babambane ngezandla namapolisa ukuze kubanjwe ngokukhawuleza umrhanelwa wesi sigebenga sokubulala. ‘Uhlaselo olungenalusini ngolo hlobo emntwini alunakuxolelwa okanye lunyanyezelwe. Umrhanelwa kufuneka alandelwe kwaye asiwe phambi kobulungisa ngetyala lakhe elibi. Ndibongoza uluntu ukuba lunikezele ngalo naluphi na ulwazi malunga noku kubulawa,’ wongeze watsho uMaj General Majikijela.
