Awakangcwatywa amalungu osapho awabulawa ngokungenalusini, nemizimba yabo eyafunyanwa igetyengwe kude kufuphi nelali yaseGcinisa eNgqushwa.
Ngokwengxelo yempukane eziluhlaza, zichaza ukuba kunzima ukungcwaba esisibini nanjengoko amalungu abo omzimba engaphelelanga. Esisibini nguZoleka Gantana(57) ekunye nomsebenzi wakhe uKholosa Mpunga, abagetyengwa emva kokuba beduke ithutyana kwinyanga ephelileyo kwilali yaseNcerha eKidds beach.
Oko kwaqatshelwa ngabahlali bengingqi bakubona ivenkile kaZoleka ivalwe nanjengoko ibiyiyo ebithengisa ekuhlaleni.
Amapolisa abamba amadoda amathathu, naqikelelwa kwiminyaka engamashumi amane(40) ukuya kwamahlanu(50) emva kokufunyanwa kwemoto yomfikazi ixinge kwidaka elikude kufutshane nendawo yexhwayelo.Imizimba yabo yafunyanwa inqunqiwe kwaye ibonakala ukuba iqale ngokudutyulwa.
Kuko konke okwenzekayo kwesisibini, kubuhlungu, likhona ithemba lokubekwa kwabo kwikhaya lokugqibela kungekudala.
