Home Ezoshishino Asisayikhuphi imali, koko sikhupha izixhobo zokunceda abantu abatsha kumashishini abo.

    Asisayikhuphi imali, koko sikhupha izixhobo zokunceda abantu abatsha kumashishini abo.

    URhulumente wePhondo leMpuma Koloni kwiOfisi yeSiqalo Youth Fund, izolo elinye ebebetyelele kumhlaba waseUgie kwa Ward 1, ukuyokunikezela ngezixhobo zokusebenza kumfama osakhulayo.

    uAnezwa Madini, noneminyaka engamashumi amathathu(30) ubudala ubengomnye wosomashishini bephondo leMpuma Koloni othe waxhamla kwinkxaso-mali yeSiqalo Youth. Elinenekazi lizibone lisithuwa jize ngezixhobo zilimo nezixabisa ngaphaya kweR900 000. UAnezwa ufundile kwaye ufundele ubugqirha kwiNzululwazi yezoLimo.

    IMnyolo Height Farms izihectare eziyi 165 kwaye ivelisa imifuno bekwanayo nemfuyo. Eliphulo, nelenziwe nguRhulumente weMpuma Kapa ekhokelwa yiNkulumbuso uOscar Lubabalo Mabuyane lizakunceda abaninzi ukuphelisa intlupheko kwanokuvelisa amathuba emisebenzi.

    Izixhobo ezinikezelweyo zibandakanya itrektara, amacingo, ikhuba nokuninzi.


    Ngethuba iNkulumbuso ithetha nonondaba kulomsitho, igxininisile kwelithi benguRhulumente abasayikhuphi ngoku imali ezinkozo ukuxhasa osomashishini kwiSiqalo Youth Fund, koko bakhupha izixhobo zokubancedisa kumaphupha abo.

    Umtu ngumtu ngabantu.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks