Home Iindaba Babanjiwe abarhanelwa abane ngezityholo zobusela.

Babanjiwe abarhanelwa abane ngezityholo zobusela.

Iqela leDA lithi ulwaphulo-mthetho ayingomanani nje kodwa sisigwebo sentambo kwezoqoqosho, eMpuma Kapa.

By Lilitha Phenduka.

Iqela leDA lithi ulwaphulo-mthetho ayingomanani nje kodwa sisigwebo sentambo kwezoqoqosho, eMpuma Kapa.

Ngokwengxelo yeHerald inkosikazi kunye namadoda amathathu babanjiwe emva kokuba bebambe inkunzi ivenkile ethengisa ukutya eMakhanda ngoLwesibini.

Iingxelo ezithe vetshe zidize ukuba, kungene abantu ababini abangaziwayo kule venkile bathatha isixa semali esingachazwanga. La masela aye aqweqwedisa isithuthi ngethuba bebaleka kwindawo yexhwayelo, kodwa kamva yafunyanwa ishiyiwe.

Isithethi samapolisa uKapteni FC van Wyk uthi ababrhanelwa yinkosikazi eneminyaka engamashumi amane anesithandathu (46) kunye namadoda aphakathi kweminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (37) ukuya kumashumi amane ubudala (40), babanjwe ngaphandle nje kweMakhanda, kumakhulu eekhilomitha ukusuka apho kwaye bajongene netyala lobusela.

UVan Wyk uthi abarhanelwa bafunyenwe benesixa semali esingachazwanga kunye nemipu emibini.

Kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi ePeddie namhlanje, nalapho ityala lizakuqhubeka eMakhanda.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks