Zime ngxi iinkonzo ezinikezelwa ngabasebenzi benkampani yonogada uSilver Solutions Security kwisibhedlele eFrontier emva kokubeka phantsi izixhobo zokusebenza besithi balinde abaphathi babo abasuka eQonce.
Kanti bathi abasebenzi sukela izolo bebanjiswe isisila sehobe ngabaphathi ukuba bayeza oko bejonge enkalweni ze namhlanje bafikelela kwisigqibo sika tools down belinde abaphathi.
Ziliqela izikhalazo zabasebenzi eziquka ukungabhatalwa kwabo imali ye bonus, imali ze leave, nemali ye rate nezinye ezaziwayo yilenkampani kodwa izibetha ngoyaba.
Ithi ke lonto ukusuka kwi gate yesisibhedlele iFrontier ukuya kwi wadi zesibhedlele nazo zonke iindawo ezigadwa ngababasebenzi azigadangwa kuba barhoxile nezonkonzo.
