Home Iindaba Bagcinwe eluvalelweni abarhanelwa kwityala lokubulala uMbhexeshi oyiNtloko Emalahleni.

Bagcinwe eluvalelweni abarhanelwa kwityala lokubulala uMbhexeshi oyiNtloko Emalahleni.

Abarhanelwa abathathu abayanyaniswa nokubulawa kukaSotswebhu oyiNtloko kuMasipala wase-Emalahleni, uMnumzana Xoliseka Lali bavele phambi kwenkundla kamantyi waseKomani namhlanje, umhla wamashumi amathathu (30) kweyeKhala 2025.

Umfanekiso: Umrhanelwa oPhambili kwityala lokubulawa kukaXoliseka Lali.

Abarhanelwa abathathu abayanyaniswa nokubulawa kukaSotswebhu oyiNtloko kuMasipala wase-Emalahleni, uMnumzana Xoliseka Lali bavele phambi kwenkundla kamantyi waseKomani namhlanje, umhla wamashumi amathathu (30) kweyeKhala 2025.

Abamangalelwa uBavuyise Mdingi oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (37) ubudala, uMvuzo Mafana oneminyaka engamashumi amane nanye (41) ubudala, noSonwabiso Siko oneminyaka engamashumi amane anesithathu (43) ubudala, bagcinwe eluvalelweni de bavele enkundleni kwakhona.

Ityala lihlehliselwe umhla wesithandathu (06) kweyeThupha 2025.

INkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika iyaqinisekisa ukuba uphando ngalo mba luyaqhuba kwaye babongoza uluntu ukuba luyeke ukuqikelela. INkqubo yokugweba iya kuhlonitshwa, kwaye ukuhlaziywa kuya kubonelelwa ngokufanelekileyo.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks