Home Iindaba Basebenzisana nonothili ukuba ii350 zabantu.

    Basebenzisana nonothili ukuba ii350 zabantu.

    QAPHELA UMBA ZIIR350 EZIKHUTSHWA UMNIKAZI ENGEKHO!!

    Uxambuliswano luthathe into engangeyure kude kufutshane kwevenkile ethengisa ukutya uBoxer namhlanje umhla wamashumi amabini anesixhenxe eQonce.

    Ebentywizisa ziinyembezi lowo ebebekwa izityholo zokukhupha imali engange R1050 ze wayitya umnikazi engenalo ulwazi. Ngokwengxelo ephuma kwingqungquthela ebidibene imnqangisa malungana nesisenzo singancomekiyo, uye wasebenzisa iID yomfana othile ohlala eQoboqobo ze wayokukhupha imali yakhe kwivenkile ethile ethengisa ukutya nalapho ebesebenzisana nomthengisi (cashier) khona ukukhupha imali engeyiyo eyakhe.

    Kanti ithini na lento yokuba umthengisi akhuphe imali yomnye umntu ikhutshwa ngomnye umntu? Asazi kodwa ingxelo iye yaqhuba isithi ubhuti lo ususwe kukuva indlala kwelakuQoboqobo ngethemba lokuba uzakufumana isazisi sakhe kulowo ebemthembile emgcinisile engazi ukuba wayikhupha kudala wayitya kuye usisi lo nobeqhele umkhuphela amnike ngokwengxelo.

    Kuvakala ukuba le ntombazana itye yabhuqa kanobom iqhosha elingenantunja nengeyoyakhe usebenzisana necashier ogama linguAmanda nokuvakala ngokwengxelo yabo bangafunanga ukuzichaza uxilenga kumzi othengisa ukutya okukhawulezileyo nekuphekwayo kweliQonce nabasebenzisa ubugulukudu bobusela ngokunikezela ngemali engeyiyo eyabo nto leyo efuna ingqwalasela ebanzi.

    Ingxelo:Siya Sitofile

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks