Home Iindaba Basinde bonke aba bandakanyeke kwingozi emasikizi eNciba kude kufuphi naseMonti.

Basinde bonke aba bandakanyeke kwingozi emasikizi eNciba kude kufuphi naseMonti.

Basinde bonke aba bandakanyeke kwingozi emasikizi eNciba kude kufuphi naseMonti.

Konzakele ngokumasikizi umntu omnye ngethuba iMercedes Benz eluhlobo lwebhaki ingqubana neMercedes Benz eyi-Sedan kuhola wendlela uN2 phakathi kwe-Kei Bridge neMonti ngale ntsasa. Omnye wabakhweli usindile nangona enomonzakalo omncinci apho aye wabalekiselwe kwisibhedlele saseMonti .

Kusetyenziswe izixhobo zokuqhaqha imoto ukukhupha umqhubi webhaki waze wasiwa esibhedlele ngenqwelo-ntaka.

Unobangela wale ngozi awukaziwa okwangoku.

Umphathiswa weSebe lezoThutho noKhuseleko loluntu uXolile Nqatha ubongoze abaqhubi beemoto ukuba banciphise isantya kwaye bathobele imithetho yendlela.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks