Home Iindaba Bathathu(3) ababhubhileyo logama bebathathu(3) abasindileyo kudubulwano olwenzeke eSajonisi kude kufuphi naseMtata.

    Bathathu(3) ababhubhileyo logama bebathathu(3) abasindileyo kudubulwano olwenzeke eSajonisi kude kufuphi naseMtata.

    Amapolisa aseSajonisi, cebukuhle eMthatha, aphanda amatyala amathathu okubulala, kunye namathathu okuzama ukubulala. Oku kulandela isiganeko sodubulo esehle kwilali iQhubuswayo kubusuku bangoLwesihlanu.

    Isithethi samapolisa ephondweni uKolonel Priscilla Naidu uthi kusweleke abantu abathathu abaphakathi kweminyaka elishumi elinesixhenxe ukuya kwishumi elinesibhozo.

    Lo kaNaidu uthi amapolisa ave izithonga zemipu ukuze asukele kwicala ezivakele kulo ezo zandi. Ezi zithonga kuvakala ukuba, zivakele emva kwentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa kwangoLwesihlanu.

    Uthi amapolisa afike kwindawo yexhwayelo abona imizimba yamadoda emibini kunye nomzimba omnye womntu wasetyhini – kunye nabathathu abanamanxeba okudutyulwa.

    UNaidu uqwele ngelithi, isizekabani soluhlaselo abakasazi bengamapolisa, kwaye akukabanjwa mntu. Kukwacelwa nabani na onolwazi ngesi siganeko aqhakamshelane nesikhulo samapolisa esikufutshane naye.

    Mncedi Mbombo
    06320506

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks