Sekuziveki ezintathu abahlali ababekhutshwe ngu Red ants eChicken farm behlala emathyolweni. Bakhalaza ngempahla zabo ezonakaliswayo ngethuba babekhutshwa, nezihleli phandle zonakaliswa zimvula kunye nobunzima bokungena kwezithuthi ezizokuthatha abantwana besikolo. Bazenzele indawo zokufihla intloko ngempahla zabo kwaye bafuna impendulo nokuhoywa nguMasipala kulengxaki yabo yokungabinamakhaya.
