Home Iindaba EDutywa ziyaduma kudubulwano phakathi koonqevu namapolisa

    EDutywa ziyaduma kudubulwano phakathi koonqevu namapolisa

    Kubanjwe abarhanelwa abathathu bephange bexhomile ngelixa kudutyulwa omnye wayehamba nabo, ngethuba kudubulana amaPolisa eNgcingwane ngaphandle kwase Dutywa.

    Kutyholwa ngokuba amadoda amahlanu angene eVenkileni athatha isixa semali esingachazwanga, iCuba kwakunye nonoo Myayi. Kuqhambuke ukudubulana phakathi kwamagosa ezokhuseleko nabarhanelwa, kwashiyeka umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu ananye ubudala engxwelerhekile.

    Abanye abarhanelwa baye bagcwala amathafa kwindawo yexhwayo. Abanye abarhanelwa abathathu babanjwe kwilalai ekufutshane ze kwafunyanwa iimbumbulu ezilishumi elinesine nesithuthi esiluhlobo lwe BMW nesetyenziswe ukwenza ulwaphulo mthetho.

    Abarhanelwa abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesithathu ukuya kumashumi amabini anesihlanu ubudala, baye babekwa ityala lokuphanga iShishini nokuba nemikhono yeKati engekho semthethweni, kwaye kulindeleke ukuba bavele eNkundleni ka Mantyi kungekudala.

    Ingxelo: Zintle Madikane
    Imifanekiso: Sibusiso Danti

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks