Amabhakabhaka ayikhusele kwakuko indebe yeNedbank ngethuba bequbisena neeBrazilians kumabala aseMbombela.
IOrlando Pirates ibethe iMamelodi Sundowns ngamanqaku amabini kwelinye (2-1) kumdlalo wamagqibela kankqoyi wendebe iNedbank phezolo umhla wokuqala (1) kwinyanga yeSilimela 2024.
Siphele isiqingatha sokuqala iliqanda macala (0-0), yabuya iSundowns kwisiqingatha sesibini ngomzuzu wamashumi amahlanu anesine (54) ngenqaku likaThemba Zwane, yatsho yankqenkqeza phambili ngenqaku elinye eqandeni (1-0).
Ezimnyama ngenkani ziye zafudumala nangona iSundowns bebezenzela kumaxesha amaninzi ngomdlalo nangokubonana. Amabhakaniya ankone bubumnyama afaka inqaku kumzuzu wamashumi asixhenxe nanye (71) ngenyawo likaPatrick Masangwanyi efaka elokulinganisa yatsho yalinqaku macala (1-1), kuthe kusenjalo izama kangangoko iSundowns, zabuya ezimnyama zafaka inqaku lokuphumelela kwixesha likasompempe ngenyawo likaRebolehile Mofokeng umfana osaze ngobuso noneminyaka elishumi elinethoba (19) kuphela ubudala.
Iqela eliphumelele kaninzi lendebe nangona lagqibela kudala ukuyazi impumelelo liqela leChiefs. IKaizer Chiefs iyiphumelele izihlandlo ezilishumi elinesithathu (13) lendebe. IPirates iyibamba ityeli lethoba lendebe.
IBhakaniya imke nemali engangezigidi ezisixhenxe zeerandi (R7million). IPirates ibethe IHungry Lions ngamanqaku amane eqandeni (4-0) kumaqela angamashumi amathathu anesibini (32), iphindile yabetha ICrystal Lake ngamanqaku amathandathu eqandeni, kumaqela alishumi elinesithandathu (16) yaze yakhupha IAmazulu ngamanqaku amane kwamabini (4-2) kumaqela asibhozo ashiyekileyo.
Kumaqela amane ashiyekileyo ezimnyama ngenkani zibethele kowayo iiChilli Boys ngamanqaku amathathu kwelinye (3-1).
By Siphiwo Boqwana
