19 C
King William's Town
Saturday, October 4, 2025

I-ANC ayifuni ukuvela malunga nokuba ikwiingxoxo noNdlozi we-EFF.

UMbutho we-African National Congress (ANC) uthi awunakuqinisekisa okanye ukukhanyela ukuba usazama ukugaya umbutho we-Economic Freedom Fighters (EFF) uMbuyiseni Ndlozi.

Iphephandaba iMail and Guardian kutshanje likhuphe ingxelo yokuba iANC eFreyistata ibithetha noNdlozi ukuba atsibe kulanqanawe kaMalema.

Kutshanje uNdlozi uye warhoxa njengelungu le-EFF ePalamente emva kokuba ephulukene nesihlalo sakhe kwiqela labaphathi bombutho.

UNobhala Jikelele we-ANC, uFikile Mbalula, nesebe lakhe eFreyistata, uthe uNdlozi uzakwamkeleka kuwo nawuphi na umbutho wezopolitiko.

“Malunga noMbuyiseni, ingaba sithetha naye?! Andazi, inokwenzeka, nguye naye kuphela onokuzithethelela kodwa andinokothuka xa i-ANC inothetha naye kuba ulilungu elilungileyo, eli nobuntu, kwaye kummandla wezopolitiko, ungumpolitiki olungileyo ngoko kutheni singazuthetha naye.”

UMbalula uthe uNdlozi uphethwe kakubi yi-EFF.

“Xa iqela lakhe limkhupha ngolo hlobo, uvele umkhabe umntu ofana noMbuyiseni, lo nto ithetha ukuthi uJulius [Malema] unamandla, kwaye uzithembe kakhulu, unamandla kwaye ukuba ucinga ukuba ibhotwe leglasi elifana noMbuyiseni lingavele ligxothwe ngolohlobo, akukho nto imbi ke kumalungu e-ANC nakubani na phofu, ukuba bathethe noMbuyiseni.

“Ukuba uyawushiya umbutho wakhe, kutheni kungathethwa naye azibandakanye ne-ANC kwaye abe negalelo kumbutho wezopolitiko weli loMzantsi Afrika? Ukuba uthatha isigqibo sokuba ngusopolitiki kwaye ufuna ukuhlala kwezopolitiko kwaye alandele i-ajenda yenguqu, inkululeko yabantu bethu, thina kwi-ANC sivulelekile kuloo nto, angafika.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
19 ° C
19 °
19 °
61 %
2.8kmh
11 %
Sat
18 °
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks