By Nyameka Lamani
Umasipala ombaxa waseBuffalo City (BCMM) uzikhwebule ekugxothweni kwabantu kwiindawo abahlala kuzo kwingingqi yaseBongweni,okwenzeke ngezolo,umhla weshumi elinesibhozo(18) kweyeNkanga ka 2025.
Bagxininisa ukuba ababandakanyekanga kuyo nayiphi na imisebenzi yokukhupha okanye ukudilizwa apho kwaye abagunyazisanga izenzo ezinjalo. Lo mhlaba kuthethwa ngawo ngowabucala webhunga lophando lwezolimo (Agricultural Research Council-ARC), kwaye nawaphi na amanyathelo athathiweyo okanye umsebenzi owenzekayo ulixanduva lomni womhlaba okanye ii-arhente ezimele bona.
I-BCMM iyaluqonda unxunguphalo olunokwenziwa zezi zenzo kwaye izibophelele ekusebenzisaneni namaqela afanelekileyo, kubandakanywa abasemagunyeni kuzwelonke nabanini-mhlaba, ukuqinisekisa ukuba abahlali baphathwa ngokufanelekileyo nangentlonipho. Bazinikele kucwangciso olufanelekileyo lokuhlaliswa koluntu oluzinzileyo, ngakumbi kwiindawo apho uluntu luhlala kumhlaba ongowamaziko angaphandle okanye esizwe. Umasipala uceba ukuyijonga le meko kwaye ubongoza bonke ababandakanyekayo ukuba babambelele kwiinkqubo zomthetho.
