I-Economic Freedom Fighters (EFF) eMpuma Koloni icele ukuba kususwe uSodolophu oLawulayo kumasipala waaseKing Sabata Dalindyebo, uNyaniso Goodman Nelani, emva kokuvela kwakhe kwiNkundla yoLwaphulo-mthetho lwezoRhwebo eMthatha ngezityholo ezinxulumene nobuqhetseba.
Kwingxelo ekhutshwe ngoLwesithathu umhlawokuqala(1) kweyeKhala, iqela liqinisekisile ukuba liza kufaka isicelo kwintlanganiso elandelayo yebhunga likamasipala lifuna ukuba uNelani asuswe esikhundleni.
I-EFF ithe esi senzo sisekelwe kubunzulu bezityholo eziphambi kwenkundla, kunye neziphumo ezenziwe yiKomiti ye-Ad Hoc kamasipala, ekubikwa ukuba iphande ngalo mba.
UNelani uvele kunye nomphathi kamasipala, owayesakuba ligosa eliyintloko lezemali kunye namanye amagosa kamasipala ngezityholo zobuqhetseba ezinxulumene nokusetyenziswa gwenxa kwemali kamasipala.
Ngokwezityholo eziphambi kwenkundla, umtyholwa kuthiwa usebenzise ileta yesimemo yobuqhetseba ukudala umbono wokuba usodolophu wayemenywe ngokusesikweni ukuba eze kwinkqubo karhulumente. Abaphandi bathi oku kubangele ukuba umasipala ahlawule ngaphezulu kwe-R57,000 yokuhamba kunye nendawo yokuhlala kwinto engeyiyo inxaxheba karhulumente esemthethweni. Ezi zityholo zisesenkundleni kwaye abatyholwa bathathwa njengabamsulwa de kufunyaniswe ukuba banetyala.
I-EFF ithe iBhunga likaMasipala iKing Sabata Dalindyebo linegunya kunye noxanduva lokuqwalasela ukususwa kukasodolophu, licaphula imiqathango yoMthetho woRhulumente weNdawo: IiNkqubo zoMasipala kunye noMthetho woRhulumente weNdawo: IiSakhiwo zoMasipala.
Iqela libhengeze ukuba liza kubhalela uMphathiswa wePhondo wezoLawulo lweNtsebenziswano kunye neMicimbi yeMveli eMpuma Koloni, licela ukungenelela okukhawulezileyo.
Likwacele ukuba bonke abezopolitiko ababandakanyekayo kulo mba barhoxe ngoko nangoko kwaye kumiswe onke amagosa kamasipala abandakanyekayo ngelixa kulindelwe iziphumo zeenkqubo zolwaphulo-mthetho nezoluleko.
I-EFF ithe amanyathelo anjalo ayimfuneko ukukhusela ingqibelelo yamaziko karhulumente kunye nokugcina ukuzithemba koluntu ngelixa iinkqubo zomthetho ziqhubeka.
Liqukumbela ingxelo yalo, iqela lithe lisazimisele ekukhuthazeni ulawulo olunemilinganiselo yokuziphatha, olucacileyo nolunoxanduva, longeza ukuba akukho mntu, nokuba unesikhundla okanye imeko yezopolitiko, ofanele ukuba ngaphezu komthetho.
