Umbutho wabasebenzi bezempilo, iHealth and Other Services Personnel Trade Union of South Africa (HOSPERSA), ugxeke ukugxothwa kwabongikazi kwindawo yokuhlala yabongikazi eLivingstone Hospital eGqeberha.
Umbutho uthi iSebe lezeMpilo eMpuma Koloni libasuse aba bongikazi ngaphandle kwesaziso esifanelekileyo nangaphandle kokubanika enye indawo yokuhlala, nangona kukho izivumelwano eziqinisekisa indawo yokuhlala kubasebenzi bezempilo abaqeshwe ngaphandle kwephondo.
I-HOSPERSA ichaze esi senzo njengesingenabuntu, nesingekho mthethweni, kwaye siphula ngokuthe ngqo izivumelwano zabasebenzi. Ngokutsho kombutho, aba bongikazi bachaphazelekayo bashiya amakhaya neentsapho zabo besiya kubonelela ngeenkonzo zempilo ezibalulekileyo eGqeberha, kodwa bagqibela begxothwa ngaphandle kwenkxaso okanye inkqubo efanelekileyo yomthetho.
Umbutho ukwakhanyele iinzame zokunxulumanisa amalungu awo nezityholo zolwaphulo-mthetho esibhedlele, esithi ezo zityholo zinyelisa igama labo kwaye azixhaswanga bubungqina.
I-HOSPERSA iphinde yaveza inkxalabo malunga nokungalandelwa kweenkqubo ezifanelekileyo, isithi ayizange inikwe amaxwebhu asemthethweni, nangona kuthiwa isebe laya enkundleni ngo-2025.
Umbutho uthi uza kulandela amanyathelo asemthethweni aze aqhubeke nokulwela isisombululo esisemthethweni, esinobubele nesinobulungisa.
Ukanti isebe lezempilo eMpuma Koloni likuphikile oku lisithi akuka eqhutywa nkqubo yakugxotha mntu egunyaziswe lilo, abaziphumeleyo benze oko ngoku go kwabo belandela imiqathango ekhutshwe yiNkundla ngokuse mthethweni.

