IKOMISHINI yolonyulo eMpuma Koloni ithi ukubhaliswa kwabavoti kwizikolo zamabanga aphakamileyo nakumaziko emfundo ephakamileyo kube neziphumo ezincumisayo ngethuba lobhaliso lwabavoti kwimpelaveki ephelileyo.
Baphantse babe ngamawaka angama-85 abantu abatsha ababhalisele ukuvota, kwaye u-82% wabo bantu yayingabantu abatsha.
Umasipala ombaxa iNelson Mandela sesona sithili sinelona nani liphezulu lolutsha olubhalisiweyo, lusondele kumawaka amathandathu abavoti abatsha abaphakathi kweminyaka eyi-18 nama-21 ubudala.
Ilandelwa ngumasipala ombaxa weBuffalo City othe wabhalisa abantu abatsha abangaphezu kwamawaka amane.
I-IEC kweli phondo ithi ekuhambeni konyaka, ityelele amaziko emfundo ephakamileyo aliqela ngeenjongo zokufundisa ulutsha ngokubaluleka kokuvota.
Ingqonyela yezonyulo kwi-IEC eMpuma Koloni, uKhayakazi Magudumana uthi, “Siye kwizikolo ezimalunga nama-320 kulo nyaka-mali; siye saya kuwo onke amaziko emfundo ephakamileyo, kwaye ndicinga ukuba uthetha-thethwano ebesinalo, idale ukuba baye akwazi ukuqonda. Asiyi apho ukuya kubhalisa, kodwa siqhuba imfundo yabavoti ngokunjalo. Ngoko ke ndinethemba lokuba kubhaliso lwabavoti oluzayo, oluzakuba ekuqaleni konyaka ozayo, bazokwazi ukuthatha inxaxheba babhalise ngamanani aphezulu.”
UHlulani Matata oneminyaka eli-18 ubudala, nongumfundi kwiYunivesithi yaseNelson Mandela, ubephakathi kwabo baza kuba ngabavoti abatsha.
Ukholelwa ukuba ivoti yakhe iya kwenza umahluko.
Ngoku sijongene nentswela-ngqesho, ndiyoyika emva kokugqiba esi sidanga. Ndingangafumani msebenzi; Ndingahlala ekhaya iminyaka. Ndiyabazi abaninzi abathweswe izidanga abenze iiMasters okanye iiPhD abasesemakhaya. Minyaka le, oku kuya kudala imisebenzi. Utshilo
