Umphathiswa wesebe lezempilo eMpuma Koloni uNomakhosazana Meth uliqhwabele izandla inyathelo elithatyathwe ngumongameli weli uCyril Ramaphosa lokutyikitya isivumelwano somthetho oyilwayo we NHI.
UMphathiswa uMeth uthi ukholelwa ukuba esisivumelwano siso esizakuba ngumba-ndlela wokuba isebe lezempilo kuzwelonke lifumane izixhobo zokusebenza. UMeth uthi imali ekhoyo kwisebe yabiwa ngendlela egqwethekileyo. Uthi ke abantu baseMzantsi Afrika abaneepokotho ezifumiyo (With Medical Aid) abakumyinge weshumi elinesihlanu ekhulwini (15%) bafumana iinkonzo zonyango zabucala, basebenzisa ingxenye yesabelo semali karhulumente ebekufaneleke ukuba yabelwe abo bangamahlwempu abakumyinge wamashumi asibhozo anesihlanu ekhulwini (85%), ze isabelo sika 15% kwiNgxowa-mali karhulumente yabelwe babantu abakumyinge wamashumi asibhozo anesihlanu ekhulwini (85%).
UMeth uthe iphondo leMpuma Koloni likumyenge wamashumi alithoba (90%) abantu abangeyonxalenye yokufumana iinkonzo zabucala kwisebe lezempilo (No Medical Aid) nto leyo ethetha ukuba nalapha ephondweni isabelo sengxowa-mali karhulumente sisebenza kubantu abakumyinge weshumi ekhulwini (10%).
“lengxubakaxaka yinyewe ekwakufaneleke ukuba yaalungiswa kwa ntlandlolo ngexesha kungena urhulumente wenkululeko. Urhulumente uzama ngandlela zonke ukulungisa esosiphoso”
UMphathiswa uthe kudliwanondlebe lakhe ne EC Indaba lenkqubo ifana naleyo ekwakufudulwa kuqhutywa ngayo ngexesha likarhulumente wobandlululo. Uthi inkqubo ka NHI izokwazi ukukhulula imali yeenkonzo zempilo kuluntu liphela, nto leyo ezodala amathuba emisebenzi kwizibhedlele nakumaziko karhulumente, isebe lizokwazi ukuthenga izixhobo ezizizo ezikumgangatho wokunikezela iinkonzo ezisemgangathweni kuluntu ngokubanzi phakathi kwezinye zezinto azibalulileyo.
Ekuququmbeleni kwakhe uMphathiswa uwakhnkanyile amakhwiniba avela kwabo ziipokotho zifumileyo zokuchasa isigqibo sikamongameli kodwa ehlaba ikhwelo nakubo ukuba bavumele urhulumente ukuba azise iinkonzo zempilo ezilinganayo, ezisemgangathweni kuluntu liphela, hayi kwabo banepokotho zifumileyo kuphela
