IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) liyasamkele isigwebo seNkundla ePhakamileyo yaseMpuma Koloni esibekela bucala isigwebo seminyaka emihlanu yobusela esinikwe umfundi weYunivesithi iWalter Sisulu uSibongile Mani.
UMani ube ngundaba-mlonyeni emva kokutyhutyha inkcitho kulandela impazamo eyenziwe yiNational Student Financial Aid Scheme (NSFAS) efake iR14 yezigidi zeerandi kwiakhawunti yakhe.
Wagwetywa ngo-2022 ngetyala lobusela emva kokuchitha i-R800 000 kwizinto zodidi oluphezulu kwisithuba seenyanga ezimbini.
Kwiveki ephelileyo inkundla yasichitha isibheno sikaMani esichasene nokufunyanwa enetyala lobusela kodwa yasichitha isigwebo esawiswa yinkundla yengingqi yaseMonti ngoMatshi wonyaka ophelileyo.
Isithethi seNPA kwingingqi, uLuxolo Tyali, uthe bayasamkela isigqibo senkundla sokurhoxisa ngokupheleleyo isigwebo seminyaka emihlanu esibekwe uMani.
Ukwathe, makube sisithintelo nakwabanye, ekhumbuza uluntu ukuba lulwaphulo-mthetho ukusebenzisa imali “ongenalungelo lokuyifumana nokuba ibihlawulwe kwiakhawunti yakho yebhanki.
Ngaphezu koko, uMani kufuneka abe phantsi kweliso lezoluleko iminyaka emithathu, enze iiyure ezingama-576 esebenzela uluntu ngaphandle kwembuyekezo, aye rhoqo kwiingcebiso kwaye abekwe esweni ligosa loluleko laseKomani.
UMani uthe wachitha i-R170 000 kwivenkile eseCenturion ngosuku nje olunye waza kamva wachitha i-R17 000 kwaShoprite eGeorge.
Uthenge iilitha zotywala, iibhokisi zecuba, i-airtime, amakhadi esipho akwaCheckers, i slow cooker , iimpahla ezininzi, ii-microwaves eziyi-11, iiketile ezili-12 ezingenazintambo, iibhatyi ezingama-24, amakhadi esipho e-iTunes, ii-ayini ezi-6, iibhegi ezininzi, Izixhobo zokomisa iinwele ezi-5 kunye neepani ezi-8 zokuqhotsa.
Uphinde wachitha imali kwizinwele kunye ne-make-up
