Home Iindaba I-SACP ibiza uthethwano olungxamisisekileyo lohlahlo lwabiwo lwalonyaka.

    I-SACP ibiza uthethwano olungxamisisekileyo lohlahlo lwabiwo lwalonyaka.

    I-South African Communist Party ibiza intlanganiso yothethwano engxamisisekileyo ukuze kuxoxwe ngeendlela ezi zinzileyo ngohlahlo lwabiwo mali lika-2025.

    By Asipile Kitchen.

    I-South African Communist Party ibiza intlanganiso yothethwano engxamisisekileyo ukuze kuxoxwe ngeendlela ezi zinzileyo ngohlahlo lwabiwo mali lika-2025.

    Oku kuza xa kanye ipalamente ilungiselela ingxelo yomgaqo-nkqubo yoMphathiswa wohlahlo lwabiwomali uEnoch Godongwana, ebekelwe umhla weshumi elinambini (12) kweyoKwindla, 2025.

    Okulandela intlanganiso ebibanjwe ngempela-veki, iSACP ibongoze urhulumente ukuba anike uSARS (South African Revenue Services) ezinye izibonelelo, ikwachasana nengcebiso zeANC (African National Congress) zokuba irhafu inyuke ngepesenti ezimbini (2%).

    Isithethi seSACP uGqirha Alex Mshilo uthe, “Ezinye iindlela esizicelayo kufuneka zibandakanye uqingqo-mali lwe-akhawunti yenkunzi, uthintelo oluqinisekileyo lokusetyenziswa kwemali ngokungekho mthethweni kunye nokujongana nokhukuliseko olusisiseko kunye nokutshintshwa kwengeniso. Siyibiza ngokuba yirhafu yobutyebi kuba uMzantsi Afrika lelinye lawona mazwe angalinganiyo ehlabathini.”

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks