Home Iindaba I-ATM izokubamba imanifesto yayo kwibala leMidlalo laseBuffalo City

    I-ATM izokubamba imanifesto yayo kwibala leMidlalo laseBuffalo City

    I-African Transformation Movement (ATM) imema ngobubele amalungu eendaba, iinkokheli zoluntu, imibutho yoluntu, amaqela olutsha, iinkokheli zonqulo kunye nabantu baseMzantsi Afrika kwi-Manifesto esemthethweni yeliqela eKuGompo City.

    Lemanifesto izothatha indawo kwibala leMidlalo laseBuffalo City, ngomhla wamashumi amabini anesithathu (23) kuCanzibe ngentsimbi yeshumi kusasa (10:00)

    Phantsi kwebhanile yotshintsho olujolise ebantwini, i-ATM ithi iza kutyhila umbono wayo, ulwalathiso lomgaqo-nkqubo kunye nenkqubo esebenzayo ejolise ekubuyiseleni isidima, ubulungisa, uxanduva kunye nenkululeko yezoqoqosho kubo bonke abantu baseMzantsi Afrika.

    Le ndibano yembali iza kunika isizwe ithuba lokuva ngqo kubunkokeli be-ATM ngekamva lolawulo kunye nendlela eyahlukileyo enikezelwa yintshukumo phakathi kwemingeni yesizwe ekhulayo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks