Home Iindaba Ibanjiwe indoda efunyenwe nomkhono weKati kugqogqo lwamapolisa eMooiplaas

Ibanjiwe indoda efunyenwe nomkhono weKati kugqogqo lwamapolisa eMooiplaas

Impendulo ekhawulezileyo yamaPolisa ikhokelele ekubanjweni komfana oneminyaka engamashumi amane anesibhozo (48) kwindawo yaseMzwini ngaphandle kwaseMonti ngale ntsasa.

Amapolisa alandele iinkcukacha emva kokuba efumene isikhalazo ngendoda enompu kwaye kuphando amapolisa afumanise ukuba umrhanelwa ukwathengisa iziyobisi. Baye bakhangela umrhanelwa bamfumana egumbini lakhe bathe xa begqogqa bafumanisa iiplastiki ezine ezinkulu ezigcwele iTIK ezixabisa amawaka asibhozo eerandi (R8000.00) baze bagqogqa egumbini bafumana imipu, imagazini neembumbulu ezintandathu (6) zokudlala, iibhokisi ezingamashumi amathathu (30) zecuba ezingekho mthethweni, isingxobo sompu kunye nesixa semali esingachazwanga.

Umrhanelwa wabanjwa wabekwa ityala lokufunyanwa nemipu nembumbulu ngaphandle kwempepha, ukuba neziyobisi kunye necuba elingekho mthethweni. Uzakuvela kwinkundla kamantyi eMonti ngomso.

Imibuzo yeMedia:
UKapteni Siphokazi Mawisa 071 366 1907

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks