Inzame eziqhubekayo zamalungu zokuthintela nokubhaqa imfuyo ebiweyo ibe nempumelelo ilandelayo ngempelaveki kwingingqi yase Katkop apho kufunyenwe imfuyo engamashumi amathandathu anesithathu.
Kwisehlo sokuqala ngomhla wamashumi amabini kuCanzibe 2023 ngentsimbi yethoba kusasa amalungu ecandelo leMaluti Stock Theft and Endangered Species and Crime Intelligence asebenza ngaphaya kwemida yesithili emva kokufumana ulwazi ngeenkomo ekutyholwa ukuba zibiwe kwilali yaseManxeleni kwingingqi yaseKatkop.
Ekufikeni kwabo umrhanelwa wabaleka kwaze kwafunyanwa iinkomo ezisibhozo zingaphawulwanga.
Ngomhla wamashumi amabini ananye kuCanzibe 2023 ngentsimbi yesine kusasa, amalungu eYunithi yeMaluti Stock Theft and Endangered Species Unit aqhube uphulo lobuntlola malunga neebhokhwe neegusha ezityholwa ngokuba zibiwe kwingingqi yaseKatkop basinga kwilali yaseGwadana apho bafumana iibhokhwe ezingamashumi amathathu anesibini. kwilali yaseSithaleni bafumene iigusha ezingamashumi amabini anesithathu.
Umrhanelwa owayethutha iigusha wabaleka akubona amapolisa esiza.
Yonke imfuyo yathinjwa kwiponti kamasipala waseMount Fletcher lo gama abanini bemfuyo besakhangelwa kuba imfuyo yayingaphawulwanga.
Ukuba nabani na onokuthi ancedise ekuchongeni impahla ekutyholwa ukuba ibiwe uyacelwa ukuba aqhagamshelane noMphathi weCandelo lobusela eMaluti, uLt Col Mlata kule nombolo 072 580 24 96.
Abanini bemfuyo bayakhunjuzwa kwakhona ukuba bathathele ingqalelo olu lwazi lubalulekileyo lulandelayo:
• bala imfuyo yakho rhoqo
• xela iimeko zokubiwa kwemfuyo ngoko nangoko
• gcina irejista yempahla elawulwayo
• phawula isitokhwe sakho ngokufanelekileyo
• gcina iingcingo zikwimeko eyiyo
Umkomishinala obambeleyo weSithili saseJoe Gqabi uBrig Asogran Naidoo uncome iqela ngokufunyanwa ngempumelelo kwempahla ebiweyo kwindawo yaseKatKop apho kuyingxaki ukubiwa kwemfuyo.
Imibuzo: UKapteni Ursula Roelofse
082 7797109
