IGosa eliPhezulu leGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) liza kukhanyisela ileta apho uMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu wayalela ukuba lichithwe igqiza elijongene nokubulawa kwabantu bezopolitiko KwaZulu-Natal ngo2024.
IGosa eliPhezulu leGunyabantu lezoTshutshiso (NPA), uMlawuli woTshutshiso loLuntu (DPP) weCandelo laKwaZulu Natal, u-Adv. Elaine Harrison uiza kunika ubungqina phambi kweKomishini kaMadlanga yoPhando ngentsasa yangoLwesihlanu, 26 kweyoMsintsi 2025, liza kukhanyisela ileta apho uMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu wayalela ukuba lichithwe igqiza elijongene nokubulawa kwabantu bezopolitiko KwaZulu-Natal ngo2024.
Ngaphambili iNPA yayinike iqela labatshutshisi ukuba lixhase iqela elisebenzayo, liqinisekise uphando olukhokelwa lutshutshiso olujolise ekufumaneni izigwebo ezikhawulezayo.
Kwiveki ephelileyo, uMkomishinala wamaPolisa aKwaZulu-Natal uNhlanhla Mkhwanazi uxelele le komishoni ukuba iNPA yephondo kutyholwa ukuba ayizange ixelelwe ngomyalelo kaMchunu, isigqibo esasiza kubachaphazela ngokuthe ngqo abatshutshisi abaphantsi kwegqiza.
Imbalelwano kaMchunu ikwayalela uMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke uFannie Masemola ukuba avale ukuvalwa kwazo zonke izithuba zephondo nezikazwelonke zobuNhloli boLwaphulo-mthetho.
Ingcaphephe yoLwaphulo-mthetho uChad Thomas uthe idabi eliqhubayo lokulawula ubuNtloli boLwaphulo-mthetho libonisa imizabalazo ebanzi yobunkokeli ngaphakathi kwi-SAPS.
“Ngelixa ezinye iinxalenye zeyunithi ziphazamisiwe, zibalulekile ekugqibeleni,” utshilo uThomas.
“Amaqela akhethekileyo, njengalawo ajongana nokuxhwilwa, abonakalise impumelelo.”