Home Iindaba Igqwetha laseGqeberha elinqunyanyisiweyo u lizakuchophele ityala lalo lobuqhophololo

Igqwetha laseGqeberha elinqunyanyisiweyo u lizakuchophele ityala lalo lobuqhophololo

Ityala lowayesakuba ligqwetha laseGqeberha ekutyholwa ngokuba webele abathengi bakhe liza kuqalisa kwinkundla yamatyala eezoRhwebo kumasipala wedolophu ngolwesihlanu.

UShaun Masimla, 51, ubekwe amatyala amabini obuqhophololo, nobusela, etyholwa ngokukhupha imali kubathengi ngenxa yamabango amabini eNgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela (RAF).

Kwibali lokuqala umxhasi wakhe, u-Edison Cunningham wabandakanyeka kwingozi enkulu yemoto ngo-Epreli ka 2000 eyamshiya efe umzimba.

Ngo-2001 inkampani yamagqwetha yenza ibango kuRAF egameni likaCunningham.

Kwathi kwakungekabikho nkqubela-phambili kweli tyala ngo-2011, inkosikazi kaCunningham, uBerenice, yaya kuMasimla ukuze ithathele ingqalelo le ngxaki.

I-RAF ibuyekeze uCunningham ngemali engaphaya kwe-R3.5m, neyathi yahlawulwa kwi-trust account kaMasimla ngo-2012.

Urhulumente utyhola ngelithi ekuhambeni kwexesha uMasimla wakhupha iR1.1m kuphela kummangali.

Kutyholwa ukuba wayisebenzisa gwenxa imali eseleyo ngokuthi phakathi kwabanye ahlawule abo wayebatyala imali, imivuzo, ukutya, kunye nenkosikazi yakhe.

NgoJulayi ka-2015, ngokwephepha lamatyala, uMasimla wazityand’ igila kwesi sibini ukuba uchithe imali yaso, ebazisa ukuba “ubomi bakhe bukwimeko emaxongo” ecela ukuba bamncede.

Ityala lolwaphulo-mthetho lavulelwa uMasimla ngoNovemba ka-2015.

Kwityala lesibini, uSindiwe Mdutyana wonyula uMasimla ukuba afake ibango lokuphulukana nenkxaso kwiRAF, emva kokusweleka komyeni wakhe kwingozi yemoto eyambulalayo ngoJulayi ka-2010.

Lo mhlolokazi wamisela uMasimla ngo-Agasti ka-2014. NgoJanuwari 2018 iRAF yahlawula ngaphezu kwe-R650 000.

Urhulumente utyhola ngelithi umtyholwa uhlawule imali engangeR80 000 kuphela kummangali ze wayisebenzisa gwenxa enye.

Ngo-2019, iLegal Practice Council yancedisa uMdutyana ekufakeni ibango kwiFidelity Fund yabo.

Le ngxowa-mali imbuyekeze ngemali engaphaya kwesiqingatha sesigidi seerandi ngelahleko awayifumanayo yena nabantwana bakhe ezandleni zabatyholwa.

UMasimla, ongaphandle ngebheyile ye-R50 000, umelwe ligqwetha uDanie Gouws.

UGqwetha uLise Keech uza kumela urhulumente.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks