Ugwetywe iminyaka engamashumi amabini entolongweni utata waKwaNobuhle owabulala umama wabantwana bakhe ababini abasebancinci kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha ngoLwesihlanu.
UZamuxolo Jacobs, 34, wahlaba uZikhona Pompi entanyeni ngethuba bengavisisani benxilile ekhayeni labo ngoSeptemba ka-2022.
Ngemini yokubulawa kwexhoba, iingxelo zidiza ukuba uJacobs noPompi babetshaya iziyobisi kwaye basela utywala.
Inkundla yafumanisa ukuba izenzo zikaJacobs zenzeke kanye ngelixa ephantsi kweempembelelo zeziyobisi kunye notywala, kwaye “ekhuthazwa ngumona nesikhwele.”
Ekhupha esi sigwebo uJaji Nyameko Gqamana uyibethelele into yokuba ubundlobongela obujoliswe kumanina nabantwana buqatsele eMzantsi Afrika kwaye uluntu lulindele ukuba inkundla ibakhusele kulwaphulo-mthetho olulolu hlobo.
Into yokuba umenzi wobubi liqabane likamfi, nowayenoxanduva lokumkhusela, yenza izinto zaba mbi nangakumbi, ngokutsho kweJaji.
“Eli tyala liqaqambise ukuba sesichengeni kwabasetyhini ekuhlaleni abangakwaziyo ukuzikhusela kwiqabane elinobundlobongela.
“Akufane kudlule usuku amajelo eendaba angaxeleli ngokubethwa, ukudlwengulwa okanye ukubulawa komntu wasetyhini kweli lizwe.
UGqamana ukwathe xa kuqwalaselwa umdla woluntu, ubunjani betyala, kunye neemeko zomntu lowo utyholwayo, kufuneka kwenziwe ulungelelwano ukuqinisekisa ukuba omnye akagqithisi komnye.
Uthe xa eqwalasela ubungqina obuphambi kwenkundla, uGqamana ufumanise ukuba kukho iimeko ezinobuzaza nezinyanzelisayo, ezibangele ukuba ajike kwesona sigwebo sincinane sobomi entolongweni.
Iinyanga ezili-14 uJacobs azichitha entolongweni elindele ukuchotshelwa kwetyala kunye nokuvuma ityala kwasekuqaleni zezinye zezizathu ezichaziweyo.
“Ngexesha lokugwetywa, kufuneka kubekho inqanaba lenceba.” utshilo
Inkundla ikwafumanise ukuba uJacobs ufanelwe lithuba lesibini lokuzihlaziya kwaye ayeke ukusebenzisa iziyobisi.
Usapho lukaPompi, ngakumbi utata wakhe, lusazama ukuyamkela into yokusweleka kwakhe.
UGqamana uthe nangona isigwebo singazukumbuyisa umfi, unethemba lokuba siza kulonelisa usapho.
