Iqela likaMammila liphoxekile emva kokufumana isibhaxu eThekwini.
Iqela lebhola ekhatywayo laKwaZulu Natal iRichards Bay ibuyele kwiDSTV Premiership emva komdlalo abathe bawuphumelela phezolo ngoLwesithathu umhla weshumi elinethoba (19) kweyeSilimela kumabala iKing Zwelithini.
IiNatal Rich Boys ibhaxabule Abakgakga ngamanqaku amane eqandeni (4-0) phezolo eThekwini ngethuba bedlala umdlalo wokugqibela wokuthotywa okanye ukunyuselwa.
Le mpumelelo yeliqela laseThekwini ithetha ukuba iBaroka FC nePretoria University zisezakuhlala kuMotsepe Foundation League.
AmaTuks abekwindawo yesibini (2) kuluhlu lamaqela eligi kwiMotsepe Foundation, yona iBaroka igqibe isizini ikwindawo yesithathu (3).
IRichards Bay igqibe ikwindawo yeshumi elinesihlanu (15) kuluhlu lweDSTV Premiership.
By Siphiwo Boqwana

